Asaphokoka amazwi ovelweno aya kusapho lakwaMbangeni emva kokushiywa yintombi yalo, uJessica Mbangeni. Emva kwemini ngoMgqibelo odlulileyo, abantu abaninzi bothuswe sisaziso esipapashwe kuFacebook ebesichaza ngokusesikweni ukusweleka kukaMbangeni obesaziwa kulo lonke ihlabathi ngokubonga nangokucula.
UMbangeni waseNgqamakhwe kwiphondo laseMpuma Koloni usweleke eneminyaka engamashumi amane anesixhenxe eGoli apho ebehlala khona. Akukho nkcukacha ezikhutshiweyo lusapho malunga nokusweleka kwakhe. “Oku kukwazisa ukusweleka kukasisi wethu, imbongi noBhishophi, uJessica Mbangeni,” itshilo ingxelo yekhaya.
UMbangeni waqala ukuduma emva kokuthathwa yiSoweto Gospel Choir ngo2002. Ngenxa yelizwi lakhe elimnandi, uye wazakhela udumo njengemvumi ezimeleyo ukusukela ngoko. Kanti ngo2005, waqala ukusebenzisa isiphiwo sakhe sokubonga esihambise izizwe zehlabathi.
Phakathi kwabantu abahloniphekileyo abathumele amazwi ovelwano kwikhaya lakwaMbangeni kuqapheleke uMphathiswa weZemidlalo noLonwabo, uMnu. Gayton McKenzie. ‘Kusivise kabuhlungu ukuva ngokusweleka kukaBhishiph’ uMbangeni. Ebengaziwa ngokubonga nokucula kuphela, ebengumntu obambeleleyo kwinkcubeko yakhe,” itshilo ingxelo yesebe.
UJessica ugudlene ngemihlane nabantu abahloniphekileyo abaquka ooMongameli bamazwe yehlabathi. Kunyaka ophelileyo utshile eqongeni eGoli esamkela AmaBhokobhoko emva kokutshatshela kwawo eFrance kwitumente yehlabathi.
Enye into azibalule kuyo kakhulu kokwezoshishino. UMbangeni ebenevenkile yakhe eGoli – apho ebesenza khona iimpahla zesiNtu zale mihla. Awukaxelwa umhla wokubekwa kwakhe kwikhaya lokugqibela.
